













Abafundi Abatsha
Kuluncedo ukujonga kwicandelo lezibhengezo kwiphepha-ndaba xa  ufuna umsebenzi.

UKUFUNDA UKUBHALA NOKUFUNDA

Baninzi abantu abangaphangeliyo eMzantsi-Afrika. Kunzima ukufumana izithuba zomsebenzi. Ngoko xa ubona isibhengezo ephepha-ndabeni, kufuneka
ukwazi omawukwenze ukuze uwufumane loo msebenzi. UTyhiIa Ufunde ukuxelela into ofanele uyenze. Makhe siziqhelise kunye ofanele ukwenze.



Ukufumana umsebenzi
Umkhandi weemoto
Indawo ekhanda iimoto ifuna
umkhandi okhutheleyo okwaziyo ukusebenza yedwa nokwaziyo ukuthetha kakuhle nabathengi. Kuya kuthethwana ngomvuzo.
Tel:	083 4165 251

Umthengisi
Kufuneka ube namava
okuthengisa. Abe utshatile. Uza kuhlala ngaphakathi (ikhona indlu). Umvuzo yi-R1 235 + ikomishini + ibhonasi. Kuza
kufunwa iindawo okhe  wasebenza
kuso.
Tel:	(0325) 51655

A
 maphepha-ndaba
anentlaninge
yezibhengezo
zemisebebenzi yonke imihfa. Xa ufuna umsebenzi kufuneka uzifunde izibhengezo ukuze ufumane umsebenzi okufaneleyo. Oko kuthetha ukuba kufuneka uwuqonde Ioo msebenzi nohlobo lomntu ofunelwa wona.

Ukhe uzifunde izibhengezo mva-nje? Nangona zahlukile kodwa zidla ngokusebenzisa amagama amanye.
Iinkam  pani ezinkulu  ziyibhengeza kwiibhodi zezaziso   izibhengezo zomsebenzi 
 AbakwaMondi  Paper bavuyisana neBona xa igqiba iminyaka engama4O yaye isiyala isomelela


























Abafundi Abatsha I
UKUFUNDA UKUBHALA

NOKUFUNDA

Ukuqonda isibhengezo somsebenzi

Makhe sijonge okuthethwa ngamagama ezidla ngokuwasebenzisa. Jonga ukuba akakho na amanye owaziyo.

self motivated
ukwazi ukusebenza wedwa. Kungabikho mfuneko yokuba
uxelele omawukwenze,

work under pressure
usebenze nzima

salary neg.
umvuzo kuya kuthethwana

ngawo nomqeshi wakho.

experienced
unamava awo umsebenzi xa ukhe uwenze ngaphambili.

commission
udla ngokuhlawulwa ikomishini xa uthengisa into. Oko kuthetha ukuba kukho imali oyifumanayo ngento nganye oyithengisileyo.
reference
Lowo ngumyalezo ovela kumqeshi wakho wangaphambili ekuchazayo ukuba unjani. Unokwenza oko ngokutsala umnxeba okanye ngokubhala.
reliable


Umntu oya kubakho rhoqo emsebenzini angaphuthi. Ekuya kuthenjelwe kuye emsebenzini ukuba uza kuwenza umsebenzi wakhe.
energitic


Umntu ongadinwanga. Odlamkileyo nonamandla.
Yiba ngumphathi
Funda isibhengezo seMotor Mechanic kwakhona. Nguwuphi oyena uwufaneleyo 10 msebenzi kwesi sine silandelayo? Utsho kuba kutheni?
UJabu uneminyaka emithathu eyiMotor Mechanic. Uyawuthanda umsebenzi wakhe. Oku kungenxa yokuba uyakuthanda ukulungisa iimoto yaye akakuthandi ukusebenza nabantu.
USbu usandula ukuphuma esikolweni. Uyise uyiMotor Mechanic yaye ufundise uSbu yonke into ayaziyo.

UJoe uneminyaka emi-3 eyiMotor Mechanic. Nyakenye uzuze ibhaso Iokuba yi- Most outstanding mechanic. Wasebenza nzima ukuba afumane elo bhaso.

UThemba uyakuthanda ukunceda abathengi. Wakhe wasebenza iminyaka emi-3 eyiMotor Mechanic kodwa kwakukudala ngoko. Umqeshi wakhe usoloko emxelela into amakayenze.

UDumi ungumqhubi welori. Ukhe walungisa iimoto xa engekho umkhandi.
Akawuqeqeshelwanga umsebenzi wokukhanda kodwa ufunda ngokukhawuleza.








.	uzixele kakuhle igama Iakhe emnxebeni;

	uwuchazile umsebenzi awufunayo nokuthi usibone phi isibhengezo sawo;
	usifundile isibhengezo yaye ucingisisile ngalo msebenzi;






Abafundi Abatsha
UKUFUNDA UKUBHALA NOKUFUNDA
Amaxesha amaninzi isibhengezo asikuchazeli yonk' into ngomsebenzi. Usenokuba nemibuzo ofuna ukuyibuza ngomsebenzi obhengeziweyo, njengokuthi unokuqala nini ukusebenza, uza kwenza ntoni
nokuthi uza kuhamba na?

Licebo ukutsala umnxeba ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ngomsebenzi. Oko kuyakunceda ekwenzeni isigqibo ngokuba ukufanele na Ioo msebenzi. Ukhumbule ukuba uza kuba uqala nokuthetha nomntu osenokuba nguye umqeshi wakho. Oko kuthetha ukuba nawe kufuneka uthethe kamnandi.

ULulu ubone isibhengezo somsebenzi weSalesperson. Ufuna ukwenza isicelo salo msebenzi qha ufuna ukufumana ezinye iinkcukacha ngawo. Makhe sijonge ukuba ukwenza njani oko.

Lulu: Bhota Mnu. Dlamini. igama lam ndinguLulu Mbhele. Ndicela ezinye iinkcukacha ngomsebenzi weSalesperson obhengezwe kwiphepha-ndaba eliphuma kanye ngeveki. Mnu. Dlamini: Yintoni kanye lke ofuna ukuyazi ngalo msebenzi? Lulu: Ndisifundisisile isibhengezo. Ndikholwa kukuba ndiwufanele lo msebenzi, kodwa kukho izinto endingazoqondiyo. Ndiyathemba ukuba awuxakekanga kakhulu ukuze undichazele zona. Mr Dlamini: Qhubeka ndiphulaphule. Lulu: Ndinqwenela ukwazi ukuba siza kuthengisa ntoni nokuthi kuhlawulwa ikomishini engakanani? Mr Dlamini: Sithengisa izinto zokudlala ezifundisayo. Uya kufumana ikomishini ye-1 O% kwinto nganye oyithengisileyo. Ukhe uthengise ngaphambili?

Lulu: Ewe, ndinamava ekuthengiseni. Ndisebenze iminyaka eli-
-1 O ejohannesburg ndingumthengisi. Ndiza kukuthumelela iCV neencwadi ezindincomayo. Ndifanele ndizithumele kubani ezo
zinto?
Mr Dlamini: Uza kuyithumela kum, idilesi ithi 2O1 Fine Street, Jhb. Unokulindela ukuza kundliwano-ndlebe lomsebenzi kwiiveki ezimbini.

Lulu:	Ndiyabulela. Ndiwunqwenela ngenene
	Io msebenzi. Kamnandi

Ngaba uLulu uthethe kakuhle? Ewe! Kuba:
	ube nembeko, yaye ubuzile ukuba ngaba akaphazamisanga na ngokutsala umnxeba.

	uvakele ezithembile yaye ukulungele ukuphendula
yonke imibuzo;
	uzifumene iinkcukacha
ebezifuna waza wavalelisa.
Ukhumbule ukuba okokuqala kokona kubalulekileyo! UMnu.
Dlamini uya kumkhumbula uLulu xa eye kudliwano-ndlebe.






Abafundi Abatsha I

UKUFUNDA UKUBHALA
NOKUFUNDA

Ukwenza isicelo somsebenzi
Kule mihla usenza ngokubhala incwadi isicelo somsebenzi. Kwakhona kufuneka uthumele neCV neencwadi ezikuncomayo xa zikhona. Oku kunzima kunangaphambili.

Usawukhumbula umsebenzi weSalesperson? Nazi izinto ekufuneka azixele kwincwadi yakhe uLulu.

umsebenzi awufunayo amava anawo alo msebenzi iindawo akhe wasebenza kuzo ngaphambili ixesha anokuza ngalo kudliwano-ndlebe
nendlela abanokuqhagamshelana ngayo naye lncwadi yakhe iza kubanje:



Umhla namhlanje lgama nedilesi
yenkampani	Mr Dlamini
ayibhalelayo	- 
Umbuliso-
sebenzisa igama
idilesi kaLulu
Amacebiso
lsithuba owenza,/ isicelo saso
Umongo wencwadi
lsiphelo
lsignitsha negama zibhaliwe






























Amacebiso
	Yichwetheze incwadi yokucela umsebenzi. Xa
ungenako ukuyichwetheza, yiprinte ngokucacileyo. Yinike umhlobo wakho ayifunde ukuze ubone ukuba
iyafundeka na.
	Qinisekisa ukuba uhlawule imali eyaneleyo yokuposa.
linkampani azizilandi iincwadi ezithunyelwe zingaposwanga ngemali engaphelelanga.
Yibhale icace idilesi yomntu othumela kuye incwadi yakho - njengethunyelwa kuMnu. Dlamini. Bhala iphepha lokubhala neemvulophu. lphepha elikhutshwe encwadini
alibukeki.
Ngoku bhala eyakho incwadi yokwenza isicelo somsebenzi. Khumbula isibhengezo esikwiphepha Iesi-5 seMotor Mechanic. Venza isicelo salo msebenzi kwaMotoring Services. Ukhumbule emacebiso esikunike wona. Ziqhelise ukubhala incwadi ukuze ukwazi ukuyibhala kakuhle.
Kubhale uUna Seery. Kutote uSalIy Giles.

Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper
		BONA XHOSA - September 1 996 5

6 BONA XHOSA - September 1 996

	Nifuntlisuiia ngephepha lakwaMondi Paper

		IJONA XHOSA - September 1996 7

	AhakwaMondi Paper banweneleIa iBona eminye iminyaka engama40 yempuiuelelo

8 BONA XHOSA - September 1 996

